1. Emva kwaloo bhubhani ke *uNdikhoyo wathetha noMosis noElazare unyana wombingeleli uAron, wathi:
2. “Libaleni ibandla lamaSirayeli liphela ngokwezindlu, nibale amadoda ukususela kubudala obuyiminyaka emashumi mabini ukunyuka, lawo afanelekileyo ukungena emkhosini.”
19-21. Indlu kaJuda; imizi yayo: amaShela, amaPerezi, namaZera. Isizukulwana samaPerezi ngamaHezeron namaHamuli. Isibini koonyana bakaJuda, uEre no-Onan, bafela eKanana.