7. UBhalam ke wathetha la mazwi andilisekileyo, wenjenje:“Ukumkani uBhalaki wamaMowabhi undisuse kwelama-Aram;undiphuthume kwiintaba ezisempumalanga.Uthe: ‘Yiza ushwabulele uYakobi egameni lam.Yiza kaloku, umqalekise uSirayeli.’
8. Xa bendingubani ke mna ukuba ndiqalekise ongaqalekiswanga nguThixo,ndambathise ngeshwangusha ongashwatyulelwanga nguNdikhoyo?
9. Kaloku nanko ndimbona ndisencochoyini yeentaba;nanko ndimbukele ndiphezu kweenduli.Ewe, luhlanga olungumth' uzimele;lona aluzibandakanyi nezinye izizwe.
10. Izizukulwana zikaYakobi yintlaninge njengentlabathi.Ngubani ke ongamcukucezayo ambale uSirayeli?Hayi bo! Masendisifa ukufa kwelungisa.Ewe, isiphelo sam masibe njengesabakhe.”
11. UBhalaki wabuza uBhalam wathi: “Yintoni le undenza yona? Ndingakuzisa apha ukuba uqalekise iintshaba zam, uze usuke wena uzithamsanqele!”