Eyasentlango 23:4-14 Ibhayibhile (XHO96)

4. UThixo ke wadibana naye, uBhalam wathi: “Ndakhe amaqonga asixhenxe; kulo ngalinye ndenze idini ngenkunzi yenkomo neyegusha.”

5. UNdikhoyo ke waxelela uBhalam oko makakuthethe, wathi: “Buyela kuBhalaki, umazise oku.”

6. Ekubuyeni kwakhe ke wamfumana uBhalaki esemi apho ngakwidini elitshiswayo, enezo nkokheli zamaMowabhi.

7. UBhalam ke wathetha la mazwi andilisekileyo, wenjenje:“Ukumkani uBhalaki wamaMowabhi undisuse kwelama-Aram;undiphuthume kwiintaba ezisempumalanga.Uthe: ‘Yiza ushwabulele uYakobi egameni lam.Yiza kaloku, umqalekise uSirayeli.’

8. Xa bendingubani ke mna ukuba ndiqalekise ongaqalekiswanga nguThixo,ndambathise ngeshwangusha ongashwatyulelwanga nguNdikhoyo?

9. Kaloku nanko ndimbona ndisencochoyini yeentaba;nanko ndimbukele ndiphezu kweenduli.Ewe, luhlanga olungumth' uzimele;lona aluzibandakanyi nezinye izizwe.

10. Izizukulwana zikaYakobi yintlaninge njengentlabathi.Ngubani ke ongamcukucezayo ambale uSirayeli?Hayi bo! Masendisifa ukufa kwelungisa.Ewe, isiphelo sam masibe njengesabakhe.”

11. UBhalaki wabuza uBhalam wathi: “Yintoni le undenza yona? Ndingakuzisa apha ukuba uqalekise iintshaba zam, uze usuke wena uzithamsanqele!”

12. Waphendula ke yena wathi: “Mandingakuthethi oko ndikuxelelwe nguNdikhoyo?”

13. Ke kaloku uBhalaki wathi kuBhalam: “Hamba siye kwenye indawo apho unokubona inxalenye yamaSirayeli kuphela, uze ke uthi ulapho uwaqalekise.”

14. Waya naye kwintsimi kaZofim phezu kwentaba iPisga. Nalapho ke wenza amaqonga asixhenxe, waza wanikela ngenkunzi yenkomo neyegusha kwiqonga ngalinye.

Eyasentlango 23