36. UBhalaki uthe akuva ukuba uBhalam uyeza, wamhlangabeza, wadibana naye kwisixeko esiphezu komlambo iAnoni, kumda welaseMowabhi.
37. UBhalaki wambuza wathi: “Kwakutheni ukuze ungezi ngokuya ndandikuthumele kuqala? Ngaba wawukrokrela ukuba sobe ndibe nako ukukuhlawula?”
38. UBhalam waphendula wathi: “Andithi na kaloku ndizile? Kambe ke gunya lini endinalo? Hayi kaloku, ndothetha loo nto athi mandiyithethe uThixo.”
39. Ngoko ke uBhalam wahamba noBhalaki, baya eKiriyati-huzoti.