Eyasentlango 22:29-31 Ibhayibhile (XHO96)

29. UBhalam waphendula wathi: “Kungoba uyandibhanxa! Ndiswele nje ikrele, ngendikubulele.”

30. Idonki yaphendula yabuza yathi: “Andithi na kanene ndiyidonki yakho, le yasoloko ikuthwala bonke ubomi bakho? Ke, kukangaphi ndikuphatha ngolu hlobo?”UBhalam waphendula wathi: “Zange nakanye.”

31. UNdikhoyo ke wenza ukuba uBhalam asibone isithunywa eso sixabe endleleni siphethe ikrele. Akusibona ke, waziphosa phantsi ngobuso.

Eyasentlango 22