Eyasentlango 21:26-35 Ibhayibhile (XHO96)

26. IHeshbhon le ke yayisisixeko esilikomkhulu likaSihon, ukumkani wama-Amori. Wayelwe nokumkani wamandulo waseMowabhi, waza wawuhlutha umhlaba wakhe ukuya kuma ngomlambo iAnoni.

27. Kuthe ke kwakuba nje zadanduluka iimbongi zathi:“Sangena ke thina boonomthina eHeshbhon,tsotsololo phakathi kwisixeko sikaSihon ukumkani!Hayi kambe, masisivuse sime ngeenyawo.

28. Andithi na kanene kwalapha kuwe, sixekondini Heshbhon,yayisakuphum' imikhosi kaSihon, ilenya njengomlilo?Yadangazela yaleny' isixekw' iAra kwaMowabhi,yazitshayel' iinduli ezingunozala weAnoni.

29. Mawoo! Lixubayele kuwe, Mowabhi!Banquli bakaKemoshe, aphelil' amahlathi!Kalok' ubayekil' oonyana bakhe baziimbacu,iintombi zangamaxhoba kaSihon, ukumkani wama-Amori.

30. Kunamhlanje nje isizukulwana sibhangilekusukela eHeshbhon kuye kuthi gaa ngeDibhon;sivuthulule eNofa,sada saya kuthi xhaxhe ngeMedebha.”

31. Aba ngaloo ndlela ke amaSirayeli ayawuma umhlaba wama-Amori.

32. UMosis wathumela iintlola, zaya kujonga indlela yokuhlasela isixeko iJazere. Ngenene ke amaSirayeli ayihlasela iJazere needoluphu eziyingqongileyo, bawagxotha ama-Amori awayemi apho kuzo.

33. Ke kaloku amaSirayeli ajika ajonga eBhashan. UOgi, ukumkani waseBhashan, waphuma nomkhosi wakhe, wawahlasela e-Edreyi.

34. *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Ungaxhali wena; naye lo ndiza kumenza abe lixhoba lakho ndawonye nomkhosi nomhlaba wakhe. Qhuba kwangalaa ndlela wawenze ngayo kuSihon ukumkani wama-Amori owayehlala eHeshbhon.”

35. Ngoko ke amaSirayeli ambulala uOgi noonyana bakhe, ngokunjalo nabo bonke abantu bakhe, akashiya nempunde le. Ke wona loo mhlaba wakhe ema kuwo.

Eyasentlango 21