3-9. “Kwicala lasempuma kuya kuma abembasa yendlu kaJuda ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo: Indlu Inkulu Inani AbakwaJuda uNashon ka-Aminadabhi 74 600 AbakwaIsakare uNataniyeli kaZuware 54 400 AbakwaZebhulon uEliyabhi kaHelon 57 400 Bebonke: 186 400 AbakwaJuda ke baya kusuka kuqala.
32. Lilonke ke inani lamaSirayeli âbhalisáyo apho kuloo maqela laba ngamakhulu amathandathu anantathu amawaka anamakhulu amahlanu namashumi amahlanu.
33. Ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis bona abaLevi abakho kweli nani lamaSirayeli.
34. Ngoko ke amaSirayeli yonke into ayenza ngokwelizwi likaNdikhoyo kuMosis. Ayesima ngokweembasa zawo, aze ahambe ngokwemizi yawo.