Eyasentlango 18:27-32 Ibhayibhile (XHO96)

27. Lo mnikelo ke uya kuba njengomnikelo okhutshwa ngumlimi kwingqolowa newayini yakhe.

28. Ngale ndlela ke nani noba nako ukunikela kuNdikhoyo nicaphula kuzo zonke izishumi enizamkelayo kumaSirayeli. Kwezi zishumi inxaxheba kaNdikhoyo maze niyinike uAron umbingeleli.

29. Ewe, nikelani ngezona-zona kwenizifumanayo, nditsho ezo zimfaneleyo uNdikhoyo.

30. Xa ninikela ngezona-zona kuya kuba njengaxa umlimi akhupha izishumi zengqolowa newayini.

31. Ke into eseleyo yeyenu neentsapho zenu; ningayityela naphi na, kuba niyinikwa ingumvuzo womsebenzi wenu *esibingelelweni.

32. Xa ninikela ngezona-zona anisayi kuba natyala. Ngokwenjenjalo aniyi *kuyigqwalisa iminikelo engcwele yamaSirayeli, ningayi kufa nokufa.”

Eyasentlango 18