Eyasentlango 18:23-31 Ibhayibhile (XHO96)

23. Ngoko ke ukusukela ngoku ngabaLevi kuphela amabajongane nesibingelelo, sibe luxanduva lwabo ngokupheleleyo. Lo mthetho ke uya kuhlala umi nakwizizukulwana ezizayo. AbaLevi abasayi kuze babe nalifa lilelinye kwaSirayeli,

24. kuba kaloku bona ndibanike isabelo esizizishumi endizinikwa ngamaSirayeli. Kungenxa yaloo nto ke ndisithi nje bona abasoze babe nalifa lilelinye kwaSirayeli.”

25. *UNdikhoyo wayalela uMosis

26. ukuba athi kubaLevi: “Xa nisamkela isishumi esinikelwa ngamaSirayeli kuNdikhoyo njengesabelo senu, kwalapho kuso khuphani isishumi enisinikela kuNdikhyo.

27. Lo mnikelo ke uya kuba njengomnikelo okhutshwa ngumlimi kwingqolowa newayini yakhe.

28. Ngale ndlela ke nani noba nako ukunikela kuNdikhoyo nicaphula kuzo zonke izishumi enizamkelayo kumaSirayeli. Kwezi zishumi inxaxheba kaNdikhoyo maze niyinike uAron umbingeleli.

29. Ewe, nikelani ngezona-zona kwenizifumanayo, nditsho ezo zimfaneleyo uNdikhoyo.

30. Xa ninikela ngezona-zona kuya kuba njengaxa umlimi akhupha izishumi zengqolowa newayini.

31. Ke into eseleyo yeyenu neentsapho zenu; ningayityela naphi na, kuba niyinikwa ingumvuzo womsebenzi wenu *esibingelelweni.

Eyasentlango 18