Eyasentlango 16:41-45 Ibhayibhile (XHO96)

41. Ngomhla olandelayo ke ibandla lakwaSirayeli liphela lakhalazela uMosis noAron lisithi: “Nina nibulele abantu *bakaNdikhoyo.”

42. Emva kokuba beqokelelene bagwayimbela uMosis noAron, bajika basingisa *ngasesibingelelweni, baza balibona ilifu lisigqumile ngequbuliso, ngokunjalo kwabonakala nobungangamsha bukaNdikhoyo.

43. UMosis noAron baya kuma phambi kwesibingelelo.

44. Ke uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:

45. “Buy' umva, nikhwebuke kwaba bantu; ndiza kubatshabalalisa ngephanyazo!”Kwesi sithuba ke bobabini bawa ngamadolo;

Eyasentlango 16