Eyasentlango 16:35-48 Ibhayibhile (XHO96)

35. Kwaza ke kwaphuma umlilo uvela kuNdikhoyo, wawalenya atsha loo makhulu mabini anamashumi amahlanu amadoda awayesondeza isiqhumiso.

36. *UNdikhoyo ke wayalela uMosis, wathi:

37. “Yithi kuElazare unyana wombingeleli uAron asuse imicephe yomlilo yobhedu kuthuthu lwalaa madoda atshileyo, aze wona amalahle akuyo awasarhaze, kuba imicephe leyo ingcwele.

38. Kaloku yaba ngcwele ukusondezwa kwayo kuNdikhoyo. Makayithathe imicephe leyo yaloo madoda afe ngenxa yesono sawo, aze ayikhande ibe ngamacwecwe amcaba, agqume ngayo iqonga lamadini. Loo nto yoba sisikhumbuzo kumaSirayeli.”

39. Ngenene ke uElazare umbingeleli wayithatha imicephe leyo, yaza yakhandwa yangamacwecwe okugquma iqonga lamadini.

40. Esi ke yaba sisikhumbuzo kumaSirayeli, khon' ukuze angalibali ukuba akukho mntu uvumelekileyo ukuba aye kwiqonga lamadini, enze isiqhumiso phambi koNdikhoyo, engenguye owomlibo ka-Aron. Ngapha koko ke owenze into enjalo uya kutshatyalaliswa, axel' uKora nabantu bakhe. Yonke ke le nto yenziwa ngokomyalelo owathunyelwa nguNdikhoyo kuElazare ngoMosis.

41. Ngomhla olandelayo ke ibandla lakwaSirayeli liphela lakhalazela uMosis noAron lisithi: “Nina nibulele abantu *bakaNdikhoyo.”

42. Emva kokuba beqokelelene bagwayimbela uMosis noAron, bajika basingisa *ngasesibingelelweni, baza balibona ilifu lisigqumile ngequbuliso, ngokunjalo kwabonakala nobungangamsha bukaNdikhoyo.

43. UMosis noAron baya kuma phambi kwesibingelelo.

44. Ke uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:

45. “Buy' umva, nikhwebuke kwaba bantu; ndiza kubatshabalalisa ngephanyazo!”Kwesi sithuba ke bobabini bawa ngamadolo;

46. waza ke uMosis wabhekisa kuAron wathi: “Thatha umcephe wakho womlilo, ugalele amalahle owathatha kwiqonga lamadini, uthi saa isiqhumiso. Wakugqiba ke, khawuleza uye phaya ebantwini ubacamagushele. Khawulezisa, kuba uNdikhoyo uyavutha ngumsindo, ibe ke sezibonakala iimpawu zikabhubhani.”

47. Ngoko nangoko ke uAron wawuthobela umyalelo kaMosis, wawuthatha umcephe wakhe, wakhawuleza waya kungena phakathi kwebandla lamaSirayeli. Wathi akubona ukuba ubhubhani seleqalisile, wafaka isiqhumiso apho emalahleni, wawacamagushela amaSirayeli.

48. Wema phakathi kwabahleliyo nabafi, wanqamka ubhubhani lowo.

Eyasentlango 16