Eyasentlango 16:3-16-17 Ibhayibhile (XHO96)

10. Nakuba nina baLevi niphela eninike eli wonga nje, ngoku senitsazele nasebubingelelini?

11. Eneneni nguNdikhoyo lo nimvukeleyo, wena nehlokondiba lakho, engubani yena uAron nide nimkhalazele nje.”

12. Ke kaloku uMosis wathumela wabiza uDatan noAbhiram, kodwa bona baphendula bathi: “Asizi!

13. Akwanelanga yile nto uyenzileyo yokusikhupha eJiputa, ilizwe lamasi nobusi, uze kusibulala kule ntlango? Ngoku sowuzenza itshawe phezu kwethu,

14. ngoku ungekasifikisi kwelaa lizwe lamasi nobusi, ungekasiniki nelifa lamasimi nezidiliya! Ucinga ukuba siziimfama? Asizi!”

15. Wabhabhama ngumsindo uMosis, wathi kuNdikhoyo: “Uze ungawamkeli amadini ala madoda. Mna ndimsulwa kuwo; zange ndithathe nedonki le yawo.”

Eyasentlango 16