Eyasentlango 16:1-2-9 Ibhayibhile (XHO96)

1-2. UKora unyana kaIzare, umKohati wendlu kaLevi, wagaya amadoda athile, baza bamvukela uMosis. Wayekunye namaRubhen, uDatan noAbhiram, oonyana bakaEliyabhi, no-On unyana kaPelete. Babexhaswa naziinkokheli ezaziwayo zamaSirayeli ezazalathwe ngumzi ukuba zibe liqoqo, zingamakhulu amabini anamashumi amahlanu.

3. Beza belihlokondiba elichase uMosis noAron, baza bathi kubo: “Kungokunje nigabadele! Ubonanje ibandla liphela lamaSirayeli libango *likaNdikhoyo; kwaye futhi uNdikhoyo ukho phakathi kwalo. Ngani ke ukuba nizenze bhetele kangaka kunebandla lamaSirayeli?”

4. UMosis ke uthe akuweva la mazwi, wawa ngamadolo.

5. Waza ke wabhekisa kuKora nabalandeli bakhe, wathi: “Ngomso kusasa uNdikhoyo uza kukhe asibonise ukuba ngubani na kanye umnyulwa wakhe. Lowo ke ungowakhe ncam, lowo amkhethileyo, uya kumsondeza.

6-7. Ngomso kusasa kufuneka wena Kora nabalandeli bakho nithathe imicephe yomlilo, niyifake amalahle avuthayo, nigalele isiqhumiso, niye nayo eqongeni phambi koNdikhoyo. Uya kucaca ke oyena unyuliweyo nguNdikhoyo. Nini kanye baLevi aba bagabadeleyo!”

8. UMosis waqhuba wathi kuKora: “Khanitsho, baLevi,

9. ngaba niyidelile into yokuba uThixo kaSirayeli anibekele bucala kumaSirayeli ephela, ukuze nisondele kuye, nisebenze *esibingelelweni sakhe, nibuse ngenxa yamaSirayeli?

16-17. UMosis wathi kuKora: “Ngomso wena naba bantu bakho bangamakhulu amabini anamashumi amahlanu ze niye esibingelelweni; noAron uya kubakho. Umntu ngamnye ke kuni aze athathe umcephe womlilo, awufake isiqhumiso, awuzise kwiqonga phambi koNdikhoyo.”

Eyasentlango 16