Eyasentlango 16:11-22 Ibhayibhile (XHO96)

11. Eneneni nguNdikhoyo lo nimvukeleyo, wena nehlokondiba lakho, engubani yena uAron nide nimkhalazele nje.”

12. Ke kaloku uMosis wathumela wabiza uDatan noAbhiram, kodwa bona baphendula bathi: “Asizi!

13. Akwanelanga yile nto uyenzileyo yokusikhupha eJiputa, ilizwe lamasi nobusi, uze kusibulala kule ntlango? Ngoku sowuzenza itshawe phezu kwethu,

14. ngoku ungekasifikisi kwelaa lizwe lamasi nobusi, ungekasiniki nelifa lamasimi nezidiliya! Ucinga ukuba siziimfama? Asizi!”

15. Wabhabhama ngumsindo uMosis, wathi kuNdikhoyo: “Uze ungawamkeli amadini ala madoda. Mna ndimsulwa kuwo; zange ndithathe nedonki le yawo.”

16-17. UMosis wathi kuKora: “Ngomso wena naba bantu bakho bangamakhulu amabini anamashumi amahlanu ze niye esibingelelweni; noAron uya kubakho. Umntu ngamnye ke kuni aze athathe umcephe womlilo, awufake isiqhumiso, awuzise kwiqonga phambi koNdikhoyo.”

18. Ngenene ke indoda nganye kubo yathatha umcephe womlilo, yawufaka amalahle nesiqhumiso, yema esangweni lesibingelelo kunye noMosis noAron.

19. Ke kaloku uKora wabaqokelela bonke abangakuye, bema bajonga kuMosis noAron esangweni lesibingelelo. Kuthe kusenjalo suka kwavela ubuqaqawuli bukaNdikhoyo kumaSirayeli ephela,

20. waza ke uNdikhoyo wabhekisa kuMosis noAron, wathi:

21. “Khwelelani kwaba bantu. Ndiza kubatshabalalisa ngephanyazo!”

22. Kambe ke uMosis noAron bakhahlela, bawa ngamadolo, badanduluka bathi: “Awu, Thixo, wena mthombo wobomi, kaloku kone umntu wamnye qha, ungathini ke ukusuka ulwe namaSirayeli ephela?”

Eyasentlango 16