Eyasentlango 15:33-41 Ibhayibhile (XHO96)

33. Wabanjwa wasiwa kuMosis noAron nebandla liphela.

34. Waza wakhe wavalelwa, kuba ingekacaci into emayenziwe ngaye.

35. *UNdikhoyo ke wayalela uMosis, wathi: “Makabulawe! Ibandla liphela malimkhuphele ngaphandle komzi, limxulube ngamatye ade afe.”

36. Ngoko ke amaSirayeli ephela amkhuphela ngaphandle, amkhanda ngamatye wada wafa ngokomyalelo kaNdikhoyo.

37. *UNdikhoyo ke wathi uMosis

38. makathethe namaSirayeli, athi: “Nanini na fakani iintshinga kumasondo eempahla zenu. Intshinga nganye ke mayibe nomtya omzuba.

39. Ezo ntshinga zoba sisikhumbuzo, nize nithi maxa onke nizibona zitsho nikhumbule imiyalelo kaNdikhoyo niyithobele, khon' ukuze ningahendeki nibhaduliswe ziinkanuko zenu.

40. Zona ziya kuhlala zinikhumbuza ukuthobela imiyalelo yam; nize ke ngokwenjenjalo nibe libango lam ncam.

41. Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wenu, owanikhupha kwelaseJiputa, khon' ukuze ndibe nguThixo wenu. Ngenene mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu!”

Eyasentlango 15