Eyasentlango 15:12-32 Ibhayibhile (XHO96)

12. Maze kwenziwe njalo ngedini ngalinye nokuba mangaphi.

13. Onke amaSirayeli omthonyama makenjenje ke xa esenza idini ngomlilo, dini elo lileliyolileyo kuNdikhoyo.

14. Nanini na xa owolunye uhlanga ophakathi kwenu esenza idini ngomlilo elivumba liyolileyo kuNdikhoyo, naye makahambe kwangale miqathango.

15. Nakwizizukulwana ezizayo ke le miqathango soze ithini kumaSirayeli ngokunjalo nakubangeneleli. Kaloku ngokukaNdikhoyo akukho mahluko phakathi kwenu neentlanga.

16. Ewe, le mithetho nale miqathango inibandakanya nonke.”

17. UNdikhoyo wathi kuMosis

18. makathethe namaSirayeli, athi: “Nakufika kwilizwe endinisa kulo,

19. xa nisitya ukutya kwelo zwe, maze ninikele inxalenye kuNdikhoyo.

20. Kwisivuno sengqolowa iqebengwana lokuqala malinikelwe libe ngumnikelo wesivuno.

21. Apha ke nakwixa elizayo noqhuba njalo nenze umnikelo kuNdikhoyo womgubo wesivuno sokuqala.”

22. Waqhuba wathi *uNdikhoyo: “Xa kwenzekile ukuba umntu othile ayaphule ngempazamo le miyalelo inikwe uMosis nguNdikhoyo,

23. mhlawumbi kwenzeke ukuba izizukulwana ezizayo zamaSirayeli ziyiphazame ngokungaqondi le miyalelo, koqhutywa ngolu hlobo:

24. Ukuba loo mpazamo yenzeke ngokungaqondi kwebandla liphela, kofuneka kuthathwe inkunzi eselula yenkomo, kwenziwe idini elitshiswayo ngayo – dini elo ke lithandekayo kuNdikhoyo – likhatshwe ngokomgaqo ngumnikelo wokutya nothululwayo, kongezwe nenkunzi yebhokhwe, ibe lidini lesono.

25. Ngezi zinto umbingeleli uya kucamagushela ibandla lamaSirayeli, lize lixolelwe. Kaloku impazamo leyo yeyokungaqondi, ibe ke futhi elenzile idini ngomlilo elikwalidini lesono.

26. Ibandla liphela ndawonye nabangeneleli baya kuxolelwa, kuba kaloku xa bebonke iyababandakanya le mpazamo.

27. “Xa umntu one ngempazamo, makenze idini lesono ngethokazi lebhokhwe elinyaka mnye.

28. Umbingeleli uya kumngxengxezela phambi koNdikhoyo loo mntu wone ngempazamo, aze ke axolelwe.

29. Koqhutywa ngaloo ndlela ke nakubani na owone ngokungaqondi, noba ngowomthonyama, okanye umngeneleli.

30. “Kambe ke yena umntu owone ngabom, engowomthonyama okanye umngeneleli, woba netyala lokunyelisa uNdikhoyo. Ngoko ke makabulawe,

31. kuba akalikhathalelanga ilizwi likaNdikhoyo, waza wawaphula umyalelo wakhe ngabom. Xa kunjalo ke woba uzenzakalise ngokwakhe.”

32. Ngamhla uthile amaSirayeli eselapho entlango kwabhaqwa umntu etheza *ngoMhla wokuPhumla.

Eyasentlango 15