11. “Kuya kuqhutywa ngolu hlobo ke, kwinkunzi yenkomo nganye, inkunzi yegusha, noba lixhwane eliliduna legusha okanye elebhokhwe.
12. Maze kwenziwe njalo ngedini ngalinye nokuba mangaphi.
13. Onke amaSirayeli omthonyama makenjenje ke xa esenza idini ngomlilo, dini elo lileliyolileyo kuNdikhoyo.
14. Nanini na xa owolunye uhlanga ophakathi kwenu esenza idini ngomlilo elivumba liyolileyo kuNdikhoyo, naye makahambe kwangale miqathango.
15. Nakwizizukulwana ezizayo ke le miqathango soze ithini kumaSirayeli ngokunjalo nakubangeneleli. Kaloku ngokukaNdikhoyo akukho mahluko phakathi kwenu neentlanga.
16. Ewe, le mithetho nale miqathango inibandakanya nonke.”
17. UNdikhoyo wathi kuMosis
18. makathethe namaSirayeli, athi: “Nakufika kwilizwe endinisa kulo,
19. xa nisitya ukutya kwelo zwe, maze ninikele inxalenye kuNdikhoyo.
20. Kwisivuno sengqolowa iqebengwana lokuqala malinikelwe libe ngumnikelo wesivuno.
21. Apha ke nakwixa elizayo noqhuba njalo nenze umnikelo kuNdikhoyo womgubo wesivuno sokuqala.”
22. Waqhuba wathi *uNdikhoyo: “Xa kwenzekile ukuba umntu othile ayaphule ngempazamo le miyalelo inikwe uMosis nguNdikhoyo,
23. mhlawumbi kwenzeke ukuba izizukulwana ezizayo zamaSirayeli ziyiphazame ngokungaqondi le miyalelo, koqhutywa ngolu hlobo: