Eyasentlango 15:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathi kuMosis

2. makathethe namaSirayeli, athi: “Nakuba nifikile kwelo zwe ndininike lona ukuba libe lelenu,

3. kungánikelwa ngenkomo, noba yigusha, okanye ibhokhwe, xa kusenziwa amadini ngomlilo, nokuba lidini elitshiswayo, nokuba lelinye idini elisisifungo, okanye elokuqhutywa yintliziyo, okanye elamathuba emibhiyozo. Amadini anje ke alivumba eliyolileyo kuNdikhoyo.

4. Ke yena umntu owenzela uNdikhoyo idini elinjalo makathathe ikhilogram yomgubo wengqolowa oxutywe nelitha yamafutha omnquma, ukuze ube ngumnikelo wokutya,

5. ngokunjalo ngesilwanyana ngasinye aphathe nelitha yewayini ibe ngumnikelo othululwayo.

6. Xa kusenziwa idini ngenkunzi yegusha, mayihambe neekhilogram ezimbini zomgubo wengqolowa oxutywe nelitha enesiqingatha yamafutha omnquma ukwenzela umnikelo wokutya,

7. ngokunjalo nelitha enesiqingatha yewayini engumnikelo othululwayo. Ivumba lamadini anje ke liyolile kuNdikhoyo.

10. ngokunjalo neelitha ezimbini zewayini, zibe ngumnikelo othululwayo. Eli ke lidini lomlilo elivumba liyolileyo kuNdikhoyo.

11. “Kuya kuqhutywa ngolu hlobo ke, kwinkunzi yenkomo nganye, inkunzi yegusha, noba lixhwane eliliduna legusha okanye elebhokhwe.

12. Maze kwenziwe njalo ngedini ngalinye nokuba mangaphi.

13. Onke amaSirayeli omthonyama makenjenje ke xa esenza idini ngomlilo, dini elo lileliyolileyo kuNdikhoyo.

14. Nanini na xa owolunye uhlanga ophakathi kwenu esenza idini ngomlilo elivumba liyolileyo kuNdikhoyo, naye makahambe kwangale miqathango.

15. Nakwizizukulwana ezizayo ke le miqathango soze ithini kumaSirayeli ngokunjalo nakubangeneleli. Kaloku ngokukaNdikhoyo akukho mahluko phakathi kwenu neentlanga.

Eyasentlango 15