Eyasentlango 14:35-45 Ibhayibhile (XHO96)

35. Ngenene mna Ndikhoyo ndiyafunga, ndiza kuyenza le nto kuni, zikhohlakalindini zabantu ezidibene ngam. Nonke, ngabanye ngabanye, niza kufela apha kule ntlango.’ ”

36-37. Ezaa ntlola zazithunywe nguMosis kwelaa lizwe zabuya nengxelo engatshongo khona ngalo, yawatsho amaSirayeli amkhalazela uNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo wawabetha ngobhubhani afa.

38. Kwelo shumi linambini leentlola kwasinda uYoshuwa noKalebhi kuphela.

39. AmaSirayeli enza isijwili esilusizi uMosis akuwaxelela into ethethwa *nguNdikhoyo.

40. Ke kaloku avuka ekuseni ngomhla olandelayo, aphuma esiya kweleentaba. Ayevuma esithi: “Ngenene sonile; kodwa ke ngoku sikulungele ukuya kulaa ndawo ebethe masiye kuyo uNdikhoyo.”

41. Kambe ke uMosis wawanqanda esithi: “Kutheni nitsiba umyalelo kaNdikhoyo nje?

42. Aniyi kuba nampumelelo. Musan' ukuya, kuba uNdikhoyo akakho ngakuni; ngoko ke niya koyiswa ziintshaba.

43. Niya kuqubisana nama-Amaleki namaKanana. Nofela apho edabini, kuba engekho ngakuni uNdikhoyo, ngenxa yokuba nina nikreqile ekumlandeleni.”

44. Kodwa ke anyanzelisa aya kuloo mmandla weentaba, nangona ityesi yomnqophiso ngokunjalo noMosis wayesele ngemva.

45. Wona ke ama-Amaleki namaKanana, abemi baloo mmandla, bawahlasela bawoyisa amaSirayeli, baza bawaswantsulisa aya kutsho eHoma.

Eyasentlango 14