30. Ndathembisa ukuba elo lizwe loba lelenu, kodwa akukho namnye kuni uya kulifumana, ngaphandle kukaKalebhi noYoshuwa.
31. Abo bantwana benu nina nithe boba ngamaxhoba mna ndiza kubangenisa kwelo lizwe nilibukulayo nina, lize limiwe ngabo.
32. Okokwenu ke nina niza kufela apha kule ntlango.
33. Koda kufe nowokugqibela kuni, abantwana benu bezizibhadu-bhadu amashumi amane eminyaka apha kule ntlango ngenxa yokungandithobeli kwenu.
34. Ewe, yoba yiminyaka emashumi mane nisitya iziqhamo zokukreqa kwenu; unyaka ngamnye umele usuku ngalunye kwezo zathathwa ziintlola kwelo lizwe. Niza kuthi shuu ngenxa yezono zenu, nibuve ubunzima bokuchaswa ndim!
35. Ngenene mna Ndikhoyo ndiyafunga, ndiza kuyenza le nto kuni, zikhohlakalindini zabantu ezidibene ngam. Nonke, ngabanye ngabanye, niza kufela apha kule ntlango.’ ”
36-37. Ezaa ntlola zazithunywe nguMosis kwelaa lizwe zabuya nengxelo engatshongo khona ngalo, yawatsho amaSirayeli amkhalazela uNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo wawabetha ngobhubhani afa.