1. Ke kaloku ibandla liphela lamaSirayeli latsho ngesimbonono lakhala bonke obo busuku.
2. Ewe, uSirayeli wakhalaza kuMosis noAron, esithi: “Akwaba sasifele eJiputa, okanye sifele kule ntlango.
3. Ngani ukuba *uNdikhoyo asise kwilizwe elinjalo? Kuba kucacile ukuba siya kufel' emfazweni, baze abafazi nabantwana bethu babe ngamaxhoba. Anitsho nina ukuba kubhetele sibuyele kwaseJiputa?”
4. Baza ke bacebisana bathi: “Masizikhethele inkokheli yokusibuyisela eJiputa.”
5. Kwesi sithuba ke uMosis noAron bathi guqaqa apho phambi kwebandla lakwaSirayeli liphela.
6. Ke yena uYoshuwa unyana kaNune, noKalebhi unyana kaJefune, abanye bezaa ntlola, basuka baziqwenga iimpahla zabo ngenxa yokukhathazeka,
7. baza babhekisa kumaSirayeli, bathi: “Hayi bo! Elaa lizwe sivela kulijonga lelihle kunene.
36-37. Ezaa ntlola zazithunywe nguMosis kwelaa lizwe zabuya nengxelo engatshongo khona ngalo, yawatsho amaSirayeli amkhalazela uNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo wawabetha ngobhubhani afa.