30. Kwesi sithuba ke uKalebhi wasuka wababeth' emlonyeni abo babenika ingxelo kuMosis, wathi: “Mawethu, kuf' ayayo! Masinyuke ngoku siye kulihlasela elaa lizwe. Sinako ukubaswantsulisa abaya bantu.”
31. Kambe ke oogxa bakhe baphikelele bathi: “Ayikho indlela yokubahlasela, kuba ziingwanyalala kunathi.”
32. Ngoko ke lo moya wabo bawuhlwayela apho kumaSirayeli ngemeko yelo lizwe babevela kulo. Bade bathi: “Elo lizwe linengozi; kuyatshatyalalwa apho. Abantu bakhona baziingxilimbela;