Eyasentlango 13:20-31 Ibhayibhile (XHO96)

3-15. UMosis wenza ngokwelo lizwi likaNdikhoyo, waza khona apho kwintlango yaseParan wazikhetha ngolu hlobo iinkokheli: Indlu Inkokheli KwaRubhen uShamuwa kaZakure KwaSimon uShafati kaHori KwaJuda uKalebhi kaJefune KwaIsakare uIgali kaJosefu KwaEfrayim uHosheya kaNune KwaBhenjamin uPalti kaRafu KwaZebhulon uGadiyeli kaSodi KwaManase uGadi kaSusi KwaDan uAmiyeli kaGemali Kwa-Ashere uSeture kaMikayeli KwaNafetali uNabhi kaVofesi KwaGadi uGeweli kaMaki

20. Ze nilijonge ukuba ngaba lelendyebo, indlala, sini na; niqondisise noba ngaba linemithi na. Ze nibuye niphethe iziqhamo zakhona.” Ixesha lonyaka ezahamba ngalo yayilelokuvuthwa kweediliya.

21. Loo madoda ke aphuma enyuka alijonga eqalela kwintlango iZin, aya kuqhina ngeRehobhi kwinkalo yeHamati.

22. Angena eMazantsi aya kufika eHebron, apho kwakumi ama-Ahiman, namaSheshayi, namaTalmayi omlibo ka-Anaki. (IHebron le ke yayakhiwe kwiminyaka esixhenxe phambi kokwakhiwa kweZowan yaseJiputa.)

23. Iintlola ezo ke zaya kufikelela nakwintili ye-Eshkoli. Apha ke zakha isebe lomdiliya elalinesihlahla esinye seediliya. Labekwa esibondeni, laxwaywa ngamadoda amabini. Ngokunjalo zakha zaphatha neerharnati namakhiwane. (

24. Le ntili ke yathiywa igama elithi intili ye-Eshkoli ngenxa yeso sikhinkci seediliya iintlola ezo zasikhayo apho kuyo.)

25. Ezi ntlola ke zathatha amashumi amane eentsuku ziligocagoca elo lizwe, zaza ke zagoduka zaya

26. kuMosis noAron nebandla liphela lamaSirayeli eKadeshe kwintlango yaseParan. Zenza ingxelo ngezikubonileyo, zababonisa neziqhamo ezazize nazo.

27. Zathi kuMosis: “Elaa lizwe silikhangele, saza safumanisa ukuba lityebile, lilizwe lobisi nobusi. Khangela, nazi iziqhamo zakhona.

28. Kambe ke abantu balo ziingwanyalala, zaye ke nezixeko zabo zikhulu zinqatyisiwe. Ngaphezu koko ke nenzala ka-Anaki siyibone ngamehlo.

29. Ama-Amaleki wona emi eMazantsi; aze amaHiti, amaJebhusi, nama-Amori wona abe phaya kweleentaba; kanti ke wona amaKanana athe qwelele phaya ngaselwandle nakummandla womlambo iJordan.”

30. Kwesi sithuba ke uKalebhi wasuka wababeth' emlonyeni abo babenika ingxelo kuMosis, wathi: “Mawethu, kuf' ayayo! Masinyuke ngoku siye kulihlasela elaa lizwe. Sinako ukubaswantsulisa abaya bantu.”

31. Kambe ke oogxa bakhe baphikelele bathi: “Ayikho indlela yokubahlasela, kuba ziingwanyalala kunathi.”

Eyasentlango 13