Eyasentlango 12:5-12 Ibhayibhile (XHO96)

5. waza uNdikhoyo wehla ngelifu, waya kuma esangweni lesibingelelo. Wasuka ke wabiza uAron noMiriyam. Bakuba bezile ke,

6. uNdikhoyo wathi: “Phulaphulan' apha! *Kumshumayeli onokubakho phakathi kwenu ndizibonakalisa ngemibono, ndithethe naye ngamaphupha.

7. Akunjalo ke kodwa kwisicaka sam uMosis; yena lithenjwa kwindlu yam iphela.

8. Ngoko ke yena ndithetha naye ubuso ngobuso, hayi ngezangotshe. Ewe, mna ngokwam ndiyazibonakalisa kuye. Hee! Ngani ke ukuba ningoyiki ukuthetha kakubi ngesicaka sam uMosis?”

9. Hayi ke, wavutha uNdikhoyo ngumsindo, wabashiya.

10. Lithe ke lona liphuma ilifu apho esibingelelweni waye uMiriyam selemhlophe wé sisifo solusu esikhwankqisayo. UAron uthe akumjonga wafumanisa ukuba simbophile esi sifo.

11. Kwangoko ke wajikela kuMosis, wambongoza wathi: “Camagu, nkosi yam! Ndiyakuthandaza; musa ukukhathazeka ngenxa yobutyhakala esibenzileyo.

12. Nqanda angade abe ngathi yinto ezelw' ifile selineenyama ezonakeleyo.”

Eyasentlango 12