Ekayakobi 4:4-7 Ibhayibhile (XHO96)

4. Bantundini abangathembekanga, anazi kakade ukuba ngokuhlobana neli hlabathi nizenza iintshaba zikaThixo? Ewe, nabani na okhetha ukuvana neli hlabathi ulutshaba lukaThixo.

5. Mhlawumbi ngaba nicinga ukuba iziBhalo ziyalavuza xa zisithi: “UMoya esimnikiweyo uyakhweleta”?

6. Kodwa ke sona isisa asinika sona uThixo singaphezulu. Zitsho neziBhalo ukuthi: “UThixo uyabachasa abanekratshi, kodwa unesisa kwabathobekileyo.”

7. Ngoko ke zinikeleni ngokupheleleyo kuThixo. Mchaseni uSathana azokunibaleka.

Ekayakobi 4