12. NguThixo kuphela umniki-mthetho nomgwebi. Nguye kuphela onelungelo lokusindisa okanye atshabalalise. Kuxa ungubani ke wena ude ugwebe ummelwana wakho nje?
13. Makhe ndibhekise kuni nina bathi: “Namhlanje okanye ngomso siya kuya kwidolophu ethile, sifike sihlale unyaka wonke, sirhwebe sizuze imali eninzi.”
14. Nithetha nje ningayazi into eniza kuba yiyo ngomso. Nifana nje nomfa-nkungu othi uvele umzuzwana nje uphinde uphele.
15. Xa nithetha yithini: “INkosi ivuma, siya kwenza le naleya.”