1. Yintoni edala iimfazwe neengxabano apha phakathi kwenu? Ngokuqinisekileyo zivela kwiinkanuko zenu ezisoloko zisenza imizabalazo ngaphakathi kwenu.
2. Xa ungazifumani izinto ozifunayo, ukhetha ukubulala; okanye xa ungafezeki umnqweno wakho, uyaxabana ulwe. Kanti ke, ungazifumani nje izinto ozifunayo, kungenxa yokuba awuziceli kuThixo.
3. Noba sowude wathandaza ucela, awuzuzi, kuba kaloku iinjongo zakho zimbi, ufuna nje ukufezekisa iinkanuko zakho.
4. Bantundini abangathembekanga, anazi kakade ukuba ngokuhlobana neli hlabathi nizenza iintshaba zikaThixo? Ewe, nabani na okhetha ukuvana neli hlabathi ulutshaba lukaThixo.
5. Mhlawumbi ngaba nicinga ukuba iziBhalo ziyalavuza xa zisithi: “UMoya esimnikiweyo uyakhweleta”?
6. Kodwa ke sona isisa asinika sona uThixo singaphezulu. Zitsho neziBhalo ukuthi: “UThixo uyabachasa abanekratshi, kodwa unesisa kwabathobekileyo.”
7. Ngoko ke zinikeleni ngokupheleleyo kuThixo. Mchaseni uSathana azokunibaleka.
8. Sondelani kuThixo naye azokusondela kuni. Hlambani izandla zenu, nina bonindini! Nizenze nyulu iintliziyo zenu, nina bahanahanisi!
9. Yibani lusizi nilile nintywizise! Ukuhleka makujike kube ziinyembezi, uvuyo lube lusizi!
10. Ukuba niyazithoba kuye uThixo, uya kuniphakamisa.