Ekayakobi 3:11-14 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kaloku akwenzeki ukuba kumpompoze amanzi amnandi namtyuba mthonjeni mnye.

12. Mawethu, umkhiwane awukwazi kaloku ukuvelisa umnquma, nomdiliya awunako ukuvelisa amakhiwane. Ngokunjalo akukho mthombo unako ukuvelisa amanzi amtyuba namnandi.

13. Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko.

14. Kodwa ke ukuba ninomona nolunya nizicingela, sanukuzigwagwisa nigqume inyaniso ngobuxoki.

Ekayakobi 3