8. Kodwa ukuba niyawuthobela umthetho weNkosi *oseziBhalweni othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela nawe uzithanda ngayo,” noba niyakholisa.
9. Kodwa ukuba abantu niyabacalu-calula, noba netyala; nogwetywa njengezaphula-mthetho.
10. Lowo uwugcina wonke umthetho, aze aphule umyalelo omnye, unetyala lokuwaphula wonke.
11. Kaloku isekwanguloo mwisi-mthetho mnye lo uthi: “Ungakrexezi,” kwanothi: “Ungabulali.” Nokuba na akukrexezi, usisaphula-mthetho ukuba uyabulala.
12. Intetho yenu nezenzo zenu mazibe zezabantu abalindele ukugwetywa kwangulo mthetho usikhululayo.
13. Kaloku akayi kuba nanceba uThixo xa agweba umntu ongabanga nanceba. Kodwa yona inceba iyasongamela isigwebo.
14. Mawethu, kunceda ntoni ukuba athi umntu unokholo, zibe zona izenzo zakhe zingayingqini loo nto? Lunganceda ntoni olo kholo?