4. Aniziqondi ke ukuba xa nenjenjalo nina ngenkqu nimbaxa, nilawulwa yimigaqo ephuthileyo?
5. Mamelani apha ndinixelele, zihlobo zam. Andibi kanene uThixo amahlwempu la uwanyulele ukuba atyebe ngokholo, aze afumane isabelo kulawulo oluthenjiswa abo bamthandayo?
6. Kodwa nina niwenza intlekisa amahlwempu! Kanene ngoobani abanicinezelayo? Asizozityebi? Andithi kanene zizo ezinirhuqela enkundleni yamatyala,
7. zize zenyelise igama likaKrestu enibizwa ngalo?
8. Kodwa ukuba niyawuthobela umthetho weNkosi *oseziBhalweni othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela nawe uzithanda ngayo,” noba niyakholisa.
9. Kodwa ukuba abantu niyabacalu-calula, noba netyala; nogwetywa njengezaphula-mthetho.
10. Lowo uwugcina wonke umthetho, aze aphule umyalelo omnye, unetyala lokuwaphula wonke.
11. Kaloku isekwanguloo mwisi-mthetho mnye lo uthi: “Ungakrexezi,” kwanothi: “Ungabulali.” Nokuba na akukrexezi, usisaphula-mthetho ukuba uyabulala.
12. Intetho yenu nezenzo zenu mazibe zezabantu abalindele ukugwetywa kwangulo mthetho usikhululayo.
13. Kaloku akayi kuba nanceba uThixo xa agweba umntu ongabanga nanceba. Kodwa yona inceba iyasongamela isigwebo.
14. Mawethu, kunceda ntoni ukuba athi umntu unokholo, zibe zona izenzo zakhe zingayingqini loo nto? Lunganceda ntoni olo kholo?
15. Nanku umwethu, nanku nodade: bobabini bayadlakazela, bayalamba.
16. Kunceda ntoni ukubasizela, nokubacebisa ngento yokwambatha nangokutya, ube ungenzi nto konke ngale meko yabo?
17. Lunjalo ke ukholo olungaqhubeli mntu kwenzeni nto; luyinto nje efileyo.