Ekayakobi 2:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mawethu, njengoko nikholwa kuYesu Krestu iNkosi yethu enobungangamsha – ninomkhethe kodwa nina.

2. Nakufikelwa ziindwendwe ezimbini endlwini yenkonzo, omnye enxibe kakuhle ehombe ngamaso egolide, omnye elihlwempu edlakazela,

3. nako ke nina nitatazela nilungiselela lo mfo ulinene, nimnika nesihlalo, nithi lona idlavu malime ngeenyawo okanye lihlale phantsi emhlabeni.

4. Aniziqondi ke ukuba xa nenjenjalo nina ngenkqu nimbaxa, nilawulwa yimigaqo ephuthileyo?

5. Mamelani apha ndinixelele, zihlobo zam. Andibi kanene uThixo amahlwempu la uwanyulele ukuba atyebe ngokholo, aze afumane isabelo kulawulo oluthenjiswa abo bamthandayo?

6. Kodwa nina niwenza intlekisa amahlwempu! Kanene ngoobani abanicinezelayo? Asizozityebi? Andithi kanene zizo ezinirhuqela enkundleni yamatyala,

7. zize zenyelise igama likaKrestu enibizwa ngalo?

8. Kodwa ukuba niyawuthobela umthetho weNkosi *oseziBhalweni othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela nawe uzithanda ngayo,” noba niyakholisa.

Ekayakobi 2