Ekayakobi 1:17-27 Ibhayibhile (XHO96)

17. Konke ukupha naso sonke isipho esifezekileyo sivela phezulu kuThixo, umdali wezikhanyiso zesibhakabhaka. Yena akaguqu-guquki aphinzi-phinzize.

18. Wathi akuthanda uThixo wasizala ngokutsha ngelizwi lenyaniso, saza ke saba lulibo lwayo yonke indalo yakhe.

19. Khumbulani le nto, zihlobo zam: Wonke ubani makakhawuleze ukuva; kodwa makangakhawulezi ukuthetha, angakhawulezi nokucaphuka.

20. Kaloku into umntu ayenza enomsindo ayinakwamkeleka kuThixo.

21. Yahlukanani nemikhwa emibi nehambo engcolileyo. Mlulameleni uThixo, namkele ilizwi lakhe alifake kuni ezintliziyweni. Lilo elinamandla okunisindisa.

22. Musani ukuzikhohlisa ngokuliphulaphula nje qha ilizwi likaThixo. Endaweni yaloo nto nina yenzani oko likuthethayo.

23. Lowo uliphulaphula nje kuphela elo lizwi, angenzi nto ngalo, ufana nomntu ozijonga esipilini, abubone ubuso bakhe.

24. Loo mntu uzithi krwaqu nje, ahambe, aze kwangoko azilibale ukuba unjani na.

25. Kodwa loo mntu uthi awucoselele ukuwugcina umthetho osinika inkululeko, lowo uthe rhoqo ukuhamba ngawo engaphulaphuli nje aze alibale, lowo wosikelelwa nguThixo ngokwenjenjalo.

26. Ewe, umntu angázicingela ukuba ulikholwa; kodwa uyazikhohlisa ukuba akakwazi ukulawula ulwimi lwakhe. Ingamampunge nje into yokuba ulikholwa.

27. Inkolo enyanisekileyo nengenachaphaza kuThixo uBawo yile: kukubonelela iinkedama nabahlolokazi abahluphekileyo, nokuphepha ukudyojwa lihlabathi.

Ekayakobi 1