1. Kubhala mna Yakobi, isicaka sikaThixo neNkosi uYesu Krestu. Ndibulisa bonke abantu bakaThixo abathe saa kulo lonke elimiweyo.
2. Mawethu, zithatheni njengabantu abanethamsanqa, xa nifikelwa zizilingo ngezilingo.
3. Kaloku isiqhamo sokumelana nezilingo ngokholo lunyamezelo.
4. Kona ke ukunyamezela kuzala isimilo esicikidekileyo, nesingalambathi nganto.
5. Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika.
6. Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle.
7. Umntu onjalo ke makangalindeli kwenzelwa nto yiNkosi.
8. Kaloku umntu ongqondo ilala neli, ivuke neli, akaze abe nazigqibo nganto.