1. Kubhala mna Juda osisicaka sikaYesu Krestu, nongumntakwabo-Yakobi. Ndibhalela abo babiziweyo nguThixo, abo bathandwayo nguThixo uBawo, belondolozwe nguYesu Krestu.
2. Ndithi: kuni makongame inceba, uxolo, nothando.
3. Zihlobo zam, besendizimisele ukunibhalela ndithethe ngosindiso olu lusidibanisileyo. Kuthe kusenjalo ndabona kuyimfuneko ngakumbi ukuba ndinibhalele ndinikhuthaze ukuba nizabalaze nilwele ukholo olu salunikezelwa ngokupheleleyo nguThixo, thina bantu bakhe.
4. Kaloku abantu abathile banyebeleze bangena ebandleni. Aba bantu bâphawulelwa intshabalalo kwantlandlolo *ziziBhalo. Bona baziintshaba zonqulo. Andithi kaloku bayasigqwetha isisa soThixo wethu, khon' ukuze bafumane ithuba lokurheletya! Ngokunjalo ke bayamchasa uMhlekazi, uYesu Krestu iNkosi yethu.
5. Nakuba niyazi nje le ndawo, ndifuna ukukhe ndinikhumbuze ngayo. Kaloku iNkosi yawahlangula amaSirayeli eJiputa, kodwa kamva yabatshabalalisa abo bathi baveza intswela-mbeko nokuqhankqalaza.
6. Khanikhumbule ngezithunywa zezulu. Kaloku inxalenye yazo zange yaneliseke zizikhundla zayo, yaza kananjalo yakreqa ekhayeni layo. Kungoku nje uThixo uzigcinele umhla omkhulu womgwebo. Ngoku zisesithokothokweni senzonzobila apho ziqanyangelwe ngamatyathanga angasoze akhululeke.
7. Kwakhona khumbulani ngeSodom neGomora nabamelwane bazo. Kaloku abantu bezi dolophu nabo babefana nezi zithunywa. Ewe, babephala phambili ekurheletyeni, bade bakhanukane ngokunxamnye nemvelo. Nabo abo ke basisilumkiso, kuba bawuzuza umvuzo wabo – umlilo ongacimiyo.
8. Kwangokunjalo ke naba banamaphupha, bangcolisa imizimba yabo, abakufuni ukulawulwa, futhi bayazingcikiva izithwala-ndwe zaphezulu.