1. Kubhala mna Juda osisicaka sikaYesu Krestu, nongumntakwabo-Yakobi. Ndibhalela abo babiziweyo nguThixo, abo bathandwayo nguThixo uBawo, belondolozwe nguYesu Krestu.
2. Ndithi: kuni makongame inceba, uxolo, nothando.
3. Zihlobo zam, besendizimisele ukunibhalela ndithethe ngosindiso olu lusidibanisileyo. Kuthe kusenjalo ndabona kuyimfuneko ngakumbi ukuba ndinibhalele ndinikhuthaze ukuba nizabalaze nilwele ukholo olu salunikezelwa ngokupheleleyo nguThixo, thina bantu bakhe.
4. Kaloku abantu abathile banyebeleze bangena ebandleni. Aba bantu bâphawulelwa intshabalalo kwantlandlolo *ziziBhalo. Bona baziintshaba zonqulo. Andithi kaloku bayasigqwetha isisa soThixo wethu, khon' ukuze bafumane ithuba lokurheletya! Ngokunjalo ke bayamchasa uMhlekazi, uYesu Krestu iNkosi yethu.