Amava Engqondi 8:15-17 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ngoko ke mna ndithi masonwabe, kuba ayikho enye into emfaneleyo umntu apha phantsi kwelanga ngaphandle kokuba atye asele azonwabele. Loo nto ke únokuyenza phakathi kwemizabalazo yakhe kobu bomi abuphiwe nguThixo kulo mhlaba.

16. Xa ndandizikisa ukucinga, ndifuna ukubazi ubulumko, ndiqwalasela ukubulaleka komntu kulo mhlaba – nditsho le nto yokuba amehlo akhe angabonani nokulala imini nobusuku –

17. ndide ndakubona konke akwenzayo uThixo. Akukho bani onako ukukuqonda okwenzekayo apha phantsi kwelanga; noba selesenza yonke imigudu yokuphengulula akangeze akufumane. Nezilumko noba zingade zithi ziyaqonda, azazi nto tu!

Amava Engqondi 8