6. Ukuhleka kwesityhakala kufana nqwa nokunqanqaza komlilo wameva phantsi kwembiza.Nale ke into ngamampunge!
7. Isilumko esiphantsi kwezoyikiso silahlekelwa ziingqondo;umntu onyotywayo wonakala ingqiqo.
8. Isiphelo somcimbi sibhetele kunesiqalo sawo.Umonde ungcono kunekratshi.
9. Musa ukukhawuleza ucaphuke ngaphakathi kwakho;kaloku umsindo yinto yezityhakala.
10. Musa ukuthi: “Bekungani ukuba imihla yamandulo ibe ngcono kunale yangoku?”Kaloku ayibubo ubulumko ukubuza umbuzo onjalo.
11. Ubulumko nqwa nelifa ngokulunga;bululutho kubo bonke abaphilayo;
12. umntu bumenza akhuseleke njengokuba nemali isenjenjalo.Ewe, naku ukubalasela kolwazi: ubulumko buyabukhusela ubomi balowo unabo.
13. Khawucamngce ngemisebenzi kaThixo:Ngubani ongayolulayo into ayenze goso?
14. Ngamathuba obumnandi yonwaba;ngemihla yobubi qonda kakuhle ukuba kwale njengaleya yenziwe nguThixo.Ngoko ke akukho mntu uyaziyo into eza kwenzeka kamva.
15. Kobu bomi bam bungamampunge ndizibonile zonke ezi zinto:Ndibone umntu olungileyo efela ebulungiseni bakhe,ngokunjalo ndabona nomntu okhohlakeleyo ephila ubomi obude benkohlakalo.
16. Ngani ukuba uzenzakalise ngokusuka uzenze uchwenene welungisa,okanye ingcaphephe yesilumko?
17. Ngani ukuba ufe phambi kwexesha lakho ngokusuka ubalasele ngenkohlakalo,okanye ugqwese ngobutyhakala?
18. Bambelela kwezi zinto zombini, kungabikho oyiyekelelayo.Umntu omoyikayo uThixo uya kuwaphepha omabini la macala.
19. Ubulumko bumenza onabo abe namandlangaphezu kwabalawuli besixeko abalishumi.