26. Ndifumanise ukuba eyona nto ikrakra nangaphezu kokufa ngumfazi oliqili,ontliziyo inezabatha, ongalo zifana namakhamandela.Ke yona indoda ekholisa uThixo iyasinda kuye,kodwa ke yona engumoni uyayibambisa.
27. “Khangel' apha,” itsho iNgqondi,“nantsi into endiyibhaqileyo:Ndakudibanisa enye nenye ukuze ndicacelwe zizinto –
28. lo gama umoya wam wawusaphengulula ndingekafumani nto –ndibhaqe indoda yanye kwiwaka ethe ngqo,kodwa yena umfazi onjalo andimfumananga phakathi kwabo bonke.
29. Kuphela kwendikufumeneyo kukuba uThixo uluntu waludala luthe ngqo,kodwa ke abantu basuke bayila ubuqili phezu kobuqili.”