1. Igama elihle lilungilengaphezu kwamafutha aqholiweyo.Umhla wokufa ulungile kunomhla wokuzalwa.
2. Kungcono uye emzini onesililo kunokuya emzini onetheko,kuba kaloku ukufa sisiphelo sabantu bonke.Ngoko ke abantu ngebeyithathela ingqalelo le nto.
3. Kubhetele kwaiinzingo kunokuhleka,kuba ubuso obuthe rhubaxa buyayomeleza intliziyo.
4. Intliziyo yesilumko isendlwini yesijwili,ke intliziyo yesiyatha isendlwini yeziyolo.
5. Kulungile ukuva ukukhalinyelwa sisilumkokunokuphulaphula ukombelelwa sisityhakala.