Amava Engqondi 6:6-12 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ewe, umdlula kude lee umntu ongaxhamlanga luyolo ebomini, noba angade aphile iwaka eliphindwe kabini leminyaka. Andithi na kaloku bonke baya ndaweni-nye?

7. Kuyo yonke imizabalazo yakhe umntu usebenzela emlonyeni,kodwa akaze anele.

8. Umntu osisilumko usigqitha ngani isityhakala?Kulinceda ntoni ihlwempu ukuyazi indlela yokuziphatha phakathi kwabantu?

9. Masanele zezo zinto sinazoendaweni yokuzikhathaza ngokunqwenela le naleya.Hayi bo, ngamampunge lawo, nqwa nokusukelana nomoya!

10. Yonke into ekhoyo sekukudala ithiywe igama layo,nento ayiyo umntu selisaziwa kakade;umntu akanako ukumelana nalowo womeleleyo kunaye.

11. Okukhona intetho iba nde kokukhona iye ilambatha intsingiselo yayo,ize ke incede bani loo nto?

12. Umntu angayazi njani eyona nto imfaneleyo umntu kobu bomi bufutshane buphuthe kangaka? Ewe, obu bomi buthi phinzi njengesithunzi. Ngubani onokumxelela into eya kwenzeka apha phantsi kwelanga akuba engasekho yena?

Amava Engqondi 6