1. Ke kaloku ndagqiba kwelithi: “Makhe ndilinge iziyolo, ndizonwabise, ndive ukuba kunjani na!” Kodwa ke ndafumanisa ukuba naloo nto ngamampunge.
2. Ukuhleka ndathi: “Bubuyatha;” iziyolo zona: “Ngaba zindizisela ntoni?”
3. Ndacamanga entliziyweni yam ukuba mandithi lo gama ndifuna ubulumko khe ndizilahlele kwiwayini, ndiziphathe okwesityhakala, ndide ndibone ukuba yeyiphi into ebalungeleyo oonyana babantu ukuba bayenze apha emhlabeni ngemihla embalwa yobomi babo.
4. Ndenza imisebenzi emikhulu: ndazakhela izindlu, ndatyala izidiliya,
5. ndalima izitiya, ndenza nemiyezo, kuyo ndatyala zonke iintlobo-ntlobo zeziqhamo.
6. Ndemba ndenza amadama ukuze ndinkcenkceshele loo mithi isahlumayo.
7. Ndandizithengela amakhoboka angamadoda nabhinqileyo, kwada kwakho namakhoboka azalelwa emzini wam. Ndandinemihlambi emininzi yeenkomo nempahla emfutshane ngaphezu kweyabo bonke abakhe bahlala ngaphambi kwam eJerusalem.
8. Ndaqokelela imfumba yesiliva negolide, ndiyithatha kwindyebo yookumkani abaphantsi kwam, namazwe endiwalawulayo. Ndandineekwayala zokundonwabisa – amadoda nabantu ababhinqileyo. Kananjalo ndandinabafazi abaninzi ngokomnqweno wentliziyo yam.
9. Ewe, ndandisisikhulu, ndimkhulu kunabo bonke abakhe bema eJerusalem ngaphambi kwam. Ngalo lonke eli xesha bendincedwa bubulumko bam.