Amava Engqondi 12:6-10 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ewe kaloku, umxokelelwana wesiliva uya kushunquka,nesibane segolide siwe saphuke;ukanti ke nentambo phaya equleni iya kuqhawuka,nomphanda utsho ukroboke.

7. Ke lona uthuli lwethu luya kubuyela emhlabeni, apho lwaluvele khona kakade,umoya ubuyele kuThixo njengoko wawuvela kuye.

8. Ewe, itsho iNgqondi ukuthi: “Ngamampunge akwampunge! Yonke into ngamampunge!”

9. Ke yona iNgqondi le ayibugcinanga nje ubulumko bayo, koko yathi rhoqo ukubaphakela abantu kubo. Yazikisa ukucinga, yenza uphando, yayila izafobe ezininzi.

10. INgqondi yazimisela ukufumana awona mazwi achanekileyo, inyaniso iyidandalazise njengoko injalo.

Amava Engqondi 12