Amava Engqondi 11:4-10 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ukuba ujonge imo ethile yezulu soze ulime;kanti ke ukuba uqwalasela amafu soze uvune.

5. Njengoko ungayazi indlela yomoya,ungamazi nokuba wenziwa njani na umntu esizalweni sonina,kananjalo soze ukuqonde nokusebenza kukaThixo onguMdali weento zonke.

6. Imbewu yihlwayele kusasa,nangokuhlwa ungasiphumzi isandla sakho.Kaloku akuyazi eya kuphumelela:isenokuba yile okanye leya,ukanti zisenokuphumelela zombini.

7. Kuyanambitheka ukukhanya;kulungile emehlweni ukulibona ilanga.

8. Yixhamle ngokobungakanani bayo iminyaka yokudla kwakho ubomi,ukhumbule ukuba imihla yobumnyama xa ungasekhoyo iya kuba mininzi.Ewe, yonke into ezayo ingamampunge.

9. Wena mntu osemtsha, yonwaba ngethuba lobutsha bakho,intliziyo yakho ichwayite lo gama uselula.Yenze loo nto isentliziyweni yakho,nditsho leyo ibonwa ngamehlo akho,kambe ke ukhumbule ukuba uza kuziphendulela enkundleni kaThixo ngayo yonke into oyenzileyo.

10. Ngoko ke ligxothe ixhala entliziyweni yakho,ukuphephe okunokwenzakalisa umzimba wakho.Kaloku ubutsha namandla awo ngamampunge.

Amava Engqondi 11