1. Kusebenzise oko unako;ngokuhamba kwexesha uya kufumana inzuzo.
2. Indyebo yakho yigcinise kwiindawo ezisixhenxe –ewe, noba zide zasibhozo –kuba kaloku akuyazi intlekele enokulihlela ihlabathi.
3. Amafu xa anemvula ayithulula emhlabeni;noba umthi uwela ngasezantsi okanye ngasentla,kodwa uhlala uthi ncwaba kuloo ndawo uwe kuyo.
4. Ukuba ujonge imo ethile yezulu soze ulime;kanti ke ukuba uqwalasela amafu soze uvune.