Amava Engqondi 11:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kusebenzise oko unako;ngokuhamba kwexesha uya kufumana inzuzo.

2. Indyebo yakho yigcinise kwiindawo ezisixhenxe –ewe, noba zide zasibhozo –kuba kaloku akuyazi intlekele enokulihlela ihlabathi.

3. Amafu xa anemvula ayithulula emhlabeni;noba umthi uwela ngasezantsi okanye ngasentla,kodwa uhlala uthi ncwaba kuloo ndawo uwe kuyo.

4. Ukuba ujonge imo ethile yezulu soze ulime;kanti ke ukuba uqwalasela amafu soze uvune.

Amava Engqondi 11