3. Noba isityhakala sesihamba ngendlela, sibonakala kubo bonke ukuba simuncu.Umntu onjalo uzicacisa nakubani na ukuba usisiyatha.
4. Xa ekhathazekile umlawuli wakho musa ukurhoxa esikhundleni sakho –kaloku kukuzola into ewulungisayo umonakalo.
5. Apha phantsi kwelanga kukho ububi endibubonileyo,impazamo eyenziwa ngophetheyo.
6. Izikhundla ezininzi eziphezulu zinikwa izityhakala,zize ke zona izityebi zinikwe ezisezantsi.
7. Ndiwabonile amakhoboka ekhwele amahashe,kodwa zona izikhulu zibhadaza ngeenyawo ngathi ngamakhoboka.
8. Umntu owomba umngxuma usenokweyela kuwo;otyhoboza eludongeni usenokulunywa yinyoka.
9. Umntu owomba amatye usenokwenzakaliswa ngawo,nocanda iinkuni usenokuba sengozini.
10. Xa izembe libuthuntu, lingalolwanga,kufuneka ubethe ngamandla ngalo.Kodwa ke bubuchule into enika impumelelo.
11. Inyoka kufuneka ilalaniswe ngaphambi kokuba imlume umntu,kuba xa seyimlumile akusancedi lutho kumlalanisi wayo.
12. Anendili amazwi aphuma emlonyeni wesilumko,ukanti ke sona isityhakala sizitshabalalisa ngemilebe yaso.
13. Siqala ngokulavuza,size sigqibele sesiwanqa impambano.
14. Ewe, isityhakala sithetha singayeki.Akukho mntu uyaziyo into eza kwehla,kungekho namntu unokuyixela into eya kwenzeka kamva.