16. Mawoo kwilizwe elikumkani ebesakuba likhoboka,elimatshawe enza amatheko kusekusasa.
17. Kambe ke linoyolo ilizwe elikumkani uzalwa zizikhulu,elimatshawe atya ngexesha elililo, efuna amandla, ingekuko ukunxila.
18. Ngobuvila iyawa imiqadi;kozandla ziqhokriweyo indlu iyanetha.
19. Isidlo simenza onwabe umntu,ke yona iwayini iyabudlamkisa ubomi;kambe ke kuyo yonke into yimali ethethayo.
20. Ungaze umnyembe ukumkani, nditsho nangeengcinga;nesityebi sukusinyelisa, noba sewusesililini sakho,hleze kubekho ntakazana iphuma namazwi akho,into enamaphiko iyixele loo ntetho.