1. Iimpukane ezifileyo zingasonakalisa isiqholo sitsho sibile sinuke,ngokunjalo nentwana nje yobutyhakala ingabutshabhisa ubulumko ndawonye nesidima.
2. Intliziyo yesilumko isitsho sibe namandla;kanti ke eyesityhakala isitsho sibe buthathaka.
3. Noba isityhakala sesihamba ngendlela, sibonakala kubo bonke ukuba simuncu.Umntu onjalo uzicacisa nakubani na ukuba usisiyatha.
4. Xa ekhathazekile umlawuli wakho musa ukurhoxa esikhundleni sakho –kaloku kukuzola into ewulungisayo umonakalo.
5. Apha phantsi kwelanga kukho ububi endibubonileyo,impazamo eyenziwa ngophetheyo.
6. Izikhundla ezininzi eziphezulu zinikwa izityhakala,zize ke zona izityebi zinikwe ezisezantsi.