Amava Engqondi 1:13-17 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ndasuka ndazimisela ukuphicotha ndenze uphando ngobulumko ngazo zonke izinto ezenzekayo ehlabathini. Ewe, uThixo ubanike uxanduva lomzabalazo otyhafisayo abantu.

14. Ndizibonile ke zonke izinto ezenziwayo phantsi kwelanga; zonke zingamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.

15. Kaloku into egoso-goso ayinakolulwa;ukanti nento engekhoyo ayinakubalwa.

16. Ndaziva sendisithi kum ngaphakathi: “Ngoku mna ndide ndabalasela ngobulumko kunaye nabani na owakhe walawula eJerusalem ngaphambi kwam. Ndinamava aphangaleleyo ngobulumko nolwazi.

17. Ndazimisela ukuzuza ulwazi nobulumko, ndibuqonde ubutyhakala nobudenge, kodwa ndafikelela kwelithi naleyo into ifana nokusukelana nomoya.”

Amava Engqondi 1