9. UHazayeli ke wahamba, waya kuhlangabeza uElisha, emphathele zonke iindidi zemveliso yaseDamasko, zingumthwalo okwiinkamela ezimashumi mane. Waya kuma phambi kwakhe, wathi: “Unyana wakho uBhenadadi ukumkani wakwa-Aram undithume ukuba ndize kubuza ukuba ngaba wophila na kwisifo esimbambileyo!”
10. UElisha uphendule wathi: “Yiya kumxelela ukuba nakanjani na uza kuphila. Ewe kambe, *uNdikhoyo undityhilele ukuba uza kufa.”
11. Wathi ntsho ngamehlo, wada ke uHazayeli waziva eneentloni. Umfo wakwaThixo ke wathi chapha-chapha iinyembezi.
12. “Ngani ukuba ulile, nkosi yam?” ubuzile uHazayeli.“Ndililiswa kukuqonda umonakalo oya kuwenza kumaSirayeli,” uphendule watsho uElisha. “Ewe, wena uya kuzitshisa iinqaba zawo, abafana ubangenele ngekrele, uze abantwana ubaqhumze emhlabeni, ke bona abafazi abakhulelweyo ubagrabhuze.”