16. UElisha wabhekisa kuye wathi: “Ngeli xesha kunyaka ozayo uya kuba usingathe unyana ezandleni zakho.”Ke kaloku yena wathi: “Hayi, nkosi yam, mfo wakwaThixo, musa ukusikhohlisa isicakazana sakho.”
17. Ewe, umfazi lowo ke wamitha, waza ke kunyaka olandelayo malunga nelo thuba wafumana unyana ngokwelizwi elalithethwe nguElisha.
18. Akukhula ke umntwana lowo, ngamhla uthile waya kuyise owayesemasimini nabavuni.
19. Wathi kuyise: “Intloko yam; intloko yam!”Uyise ke wabhekisa kwisicaka sakhe, wathi: “Mthwale umse kunina.”
20. Samthwala ke, samsa kunina, umntwana lowo wahlala njalo esingathiwe ngunina, kwada kwasemini, waza ke wasweleka.
21. Ke unina wamthatha waya naye kwigumbi lomfo wakwaThixo, wafika wambeka emandlalweni wakhe, waza ke waluvala ucango waphuma.
22. Ke wathetha nomyeni wakhe wathi: “Nceda utsho isicaka size nedonki apha; ndifuna ukuya kulaa mfo wakwaThixo ngoku, ndiphinde ndibuye.”
23. Ke yena wabuza wathi: “Ngani ukuba uye kuye namhlanje? Inyanga ayikathwasi, ibe ingenguwo *noMhla woPhumlo.”Umfazi waphendula wathi: “Sukukhathazeka.”